NewsBank (Isolezwe Xhosa)
-
Abazali eMzantsi Afrika kusenzima ukuba bamkele abantwana babo abaGay!
Nangona uMzantsi Afika iselilizwe elihamba phambili ekukhuseleni nasekulweleni abantu abathandana besini esinye nababizwa ngokuba ziiGay, umcelimngeni usekhona kuba kusekho abazali kwanabahlali abasakufumanisa kunzima ukwamkela isimo sabantwana babo, nto leyo enza abantwana bazibone sele begaxeleka kwiziyobisi kuba becima umvandedwa.
-
Ayaphokoka amazwi ovelwano ngokusweleka kukaMpho Sebeng
Asaphokoka amazwi ovelwano avela kwicandelo lezobugcisa kunye nabantu baseMzantsi Afrika ukusukela iindaba zokusweleka ngesiquphe komdlali weqonga uMpho Sebeng, 31, nezivakale kule mpelaveki iphelileyo.
-
Kubanjwe abane neegusha ezibiweyo kunye nemipu engenampepha-mvume
Abarhanelwa abane, amadoda amathathu kunye nowasetyhini, babanjwe kulandela isehlo sokuphanga kwifama yaseAlicedale eMpuma Koloni. Ukubanjwa kwabo kukhokelele ekufumaneni iigusha ezisixhenxe nemipu emibini engenampepha-mvume.
-
Ufunyenwe ebotshelelwe kwisijungqu sepali ngentambo ugogo (83) kude kufuphi namangcwaba!
Induku ahamba ngayo, inxili yakhe ehlala imali, amakhadi okurhola indodla, isazisi sakhe, kwakunye neencwadana zemibutho, zifunyenwe ecaleni komzimba wakhe, ugogo uNomboniso Beca (83) obhaqwe eguqile kwesi sijungqu sepali yomzi othile nekungekudanga namangcwaba elali, kwindawo yakwaBhala eFlagstaff.
-
DA: ‘Ayisoze yoxuthwe imali yendodla sanukoyikiswa’
ULindelwa Kolisi (61) waseZiphunzana eMonti uthi uzakuvota ukuvota oku nangona esuke wayindindi ngenxa yokuba azide zifezekiswe izithembiso awayethenjiswe ngazo ngumbutho ekudala wawuvotela oyiANC. Uthi yiminyaka engapha kweshumi wayebhaliswe kudala ukuba uza kufumana indlu kodwa kunangoku akakayifumani koko usahlala kwela tyotyombe livuzayo xa kunetha.
-
Utitshala nomfundi bavane amandla eklasini, esi siganeko siyaphandwa
Isebe lezemfundo eGauteng liqalise uphando kulandela umlo obuphakathi kwetitshala nomfundi wakaGrade 9 kwisikolo samabanga aphakamileyo iGlenvista eGoli.
-
Umhlola kaJames: Umfundi ufike kwitheko le-matric dance esebhokisini
Imoto yabangcwabi ifike kwindawo apho bekukho itheko le-matric dance yabafundi bebanga leshumi ivulwe iingcango kukho ibhokisi yomngcwabo emhlophe ngaphakathi. Le bhokisi ibiphethwe ngamadoda ayibeka phantsi, emva koko bayivula kwathi gqi igqiyazana (17) elinxibe ilokhwe emnyama, abantu bakhala ngochulumanco.
-
Impumelelo yephulo iShanela eGqeberha
Kuthinjwe iimpahla zomgunyathi, imipu kunye neziyobisi eGqeberha ngempelaveki, emva kwentsebenziswano yamapolisa kwiphulo lemisebenzi eyahlukeneyo.
-
Utsala neenkabi emasimini uParkies
UThokozile Parkies (65) akavumi ukuthatha umhlala phantsi emva kokuba echithe iminyaka engamashumi amabini engumfundisi ntsapho, ulima akayeki kwifama iMazanow Carlton eDordrecht.
-
Ukucima kombane ebusika kulindeleke ukuba ungagqithi ngaphaya kwenqanaba lesibini
Njengoko ilizwe liphawula inyanga ngaphandle kokucinywa kombane, nangona izinto zinjalo oko akuthethi ukuba ukucima kombane akusayi kubakho ngexesha lasebusika, ngokutsho kukaEskom.
-
Liyoyikisa izinga lokunyamalala kwamadoda eGqeberha!
AmaPolisa aseAlgoa Park abongoza kuye nabani na onokuba nolwazi malunga nokunyamamalala kwendoda yaseMissionvale egama linguMfundo Sifile (41) egqityelwe kunyaka ophelileyo ngomhla we28 kuOktobha.
-
Kukhalinyelwa ukubiwa kwezandla zikaBiko engcwabeni lakhe!
Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo kuvele iindaba zokumoshwa kwengcwaba letshantliziyo lomzabalazo laseGinsberg uSteve Biko, apho kuye kwancothulwa izandla zakhe ezibini ebezi phezulu kwelitye lengcwaba lakhe.
-
Lithi akukho nkululeko igqala lomzabalazo
Igama lika-Allan Boesak waseKapa liyaziwa ngabo bebekho ngexesha bekuduntsuzwa kusilelwa inkululeko yelizwe loMzantsi Afrika ngenxa yegalelo lakhe.
-
Obambe intshinga kaMiss Unolali Queen ugqwese kwizifundo zakhe
Inzalelwane yaseQonce, ngoku ehlala eXesi, uElethu Saki oneminyaka eli16 ubudala uwathathele ingqalelo amazwi eNqununu yakhe uMnu. Rala athi, “ulwazi lususa uloyiko,” njengoko ephumelele kwizifundo zakhe, efumane izatifikethi zokugqwesa ezithandathu kwizifundo ezisixhenxe ngelixa ebambe intshinga kaMiss Unolali Queen.
-
I-SASSA inqumamise abasebenzi ababini ngokusebenzisa umthi eofisini
Amagosa amabini asebenza kwiofisi yakwaSASSA eMkhondo eMpumalanga anqunyanyisiwe ngenxa yokusebenzisa iyeza okanye umthi eofisini, nalapho kuye kwafunyanwa iinaliti nekutyholwa ukuba umthi lo uye watshizwa kwiindawo zokusebenzela zoogxa babo.
-
Ababezenza amapolisa baphanga usapho, baqhotsa batya inyama yabo!
Abantu ababezenza amapolisa benxibe iimpahla zamapolisa kuthiwa baphanga iifowuni nemoto usapho lwaseMason’s Mill eMgungundlovu KwaZulu-Natal, bagqogqa nefriji yalo, baqhotsa batya inyama yalo logama amaxhoba ebanjwe kwigumbi phantse iiyure ezintlanu.
-
I-ANC iza kubhena emva kwesinye isicelo esingaphumelelanga
Umbutho weAfrican National Congress (ANC) awuzange uphumelele kwiphulo lokuthintela umbutho woMkhonto weSizwe (MK Party) ekusebenziseni igama kunye nephawu eyayanyaniswa nephiko lawo langaphambili lomkhosi.
-
Bathathu ababhubhileyo ngenxa yezinyoka!
Bathathu abantu abaphulukene nobomi babo kummandla waseGqeberha ngenxa yombane okokotelwa ngomgunyathi, eso sithathu ngamabhinqa amabini aphakathi kwama18 ukuya kuma24 eminyaka ubudala ababhubileyo kwakunye nendoda enama26 etshowukhwe ngumbane isazikokotelela kwikhaya lalo eliseGreenbushes.
-
Kuvulwe isikolo esixabisa iR106-million KwaMaxhama
NgoLwesine, umhla we18 kuTshazimpuzi ka2024, iCoega kunye neNkulumbuso yaseMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane noMphathiswa wezeMfundo ephondweni, uFundile Gade, banikezela ngokusesikweni isikolo samabanga aphakamileyo iTyali esixabisa ngaphezu kwekhulu lezigidi zeerandi (R106 million) KwaMaxhama, kuCentane, eMpuma Koloni.
-
Ubusuku nje obunye noVusi Nova eMonti
Abathandi, abalandeli kwanabaxhasi bakaVusi Nova nosele ngoku esaziwa ngelikaSnova igama, baza kuba nenyhweba yokujuxuza naye bagudlane amagxa naye eThe Venue eHemingways eMonti, kwiveki ezayo kutyelelo lwakhe olubizwa ngokuba yi-‘One Night Only with Vusi Nova and Friends.’
-
Inkqubo yezakhono yeR1,9-billion eMpuma Koloni!
UMphathiswa weMisebenzi, uThulas Nxesi, uphehlelele inkqubo yokuxhobisa ulutsha ngezakhono ekuthiwa yiLabour Activation Programme ngoLwesihlanu weveki ephelileyo eMonti. Yimali eyiR1,9-billion eza kuchakwa kwiinkampani ezingamashumi amabini anesithathu (23) ezinikwe uxanduva lokuxakathiswa ulutsha lweMpuma Koloni ngezakho ezahlukeneyo.
-
Iprojekthi yokwenziwa kwefenitshala KwaZulu-Natal
Iprojekthi yokwenziwa kwefenitshala, iFurniture Manufacturing Learnership, eqhutywa kwiphondo iyinxalenye yesicwangciso se-EPWP esijolise ekuqinisekiseni ukuba ubomi babathathi-nxaxheba buyaqhubeka bukhula nasemva kokuqeshwa kwabo okwethutyana kwiiprojekthi ze-EPWP.
-
ISebe loKhuseleko loLuntu lityala imali kulutsha ukwakha uluntu olukhuselekileyo
ISebe loKhuseleko loLuntu eGauteng lize nephulo lokuseka iiprojekthi zezakhiwo zeeofisi ezincinci kwiindawo ezikude nezikhululo zamapolisa. Injongo yale projekthi kukuzisa iinkonzo zokhuseleko eluntwini nokubonelela ngezinye iinkonzo eziphantsi komyalelo weSebe loKhuseleko loLuntu.
-
Abantu abatsha baqeqeshelwe ukwenza ubucwebe eLimpopo
Isebe elijongene nolwakhiwo lweziseko zoluntu kwiphondo laseLimpopo libambisene neSEDA liqeqeshe ulutsha ukuze lukwazi ukwenza ubucwebe obufana namanatsheyini nemisesane.
-
AbeCWP kuMasipala waseSol Plaatje bafumene uqeqesho kwimveliso yezityalo
Bebonke ngama25 abathathi-nxaxheba beNkqubo yeMisebenzi yoLuntu (CWP) kuMasipala weNgingqi waseSol Plaatje eKimberley eMntla Koloni abathe baqeqeshwa kutshanje kwiMveliso yeZityalo baza bafumana isatifiketi seNQF Level 2.
-
Abathathi-nxaxheba be-EPWP baqeshelwe ukuncedisa kufundo lwemitha yamanzi nombane
Umasipala ekuthiwa yiGovan Mbeki Local Municipality kwiphondo laseMpumalanga lichonge abantu aba balelwa kumashumi amathathu anesixhenxe (37) ukuze bancedise kwizinto zamanzi.
-
ITiro ya Diatla inciphisa intlupheko kuMasipala weSithili saseBojanala
Iprojekthi yezolimo, iTiro ya Diatla Farming and Projects Cooperative, ibe negalelo ekupheliseni intlupheko kwiphondo laseMntla Ntshona ngokwenza iprojekthi yeBerseba Agrarian.
-
UMongameli uza kubhengeza isicwangciso sokudala amathuba emisebenzi azizigidi ezihlanu
NAMHLANJE uMongameli Cyril Ramaphosa uza kubhengeza isicwangciso sokuqinisekisa ukuba xa unyaka u2029 efika kukho amathuba emisebenzi azizigidi ezihlanu adaliweyo ukusukela ngoku kude kube ngoko.
-
Iindlela isigaba sesihlanu se-EPWP esiya kwandisa ngayo amathuba engqesho
Inkqubo karhulumente yokudala imisebenzi ephambili, iNkqubo eYandisiweyo yeMisebenzi kaRhulumente (EPWP) imiselwe utshintsho olukhulu xa kuqalwa isigaba sesihlanu sale nkqubo. Esi sisithembiso endisinika sona njengoMphathiswa weMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko ezinguNdoqo.
-
ISebe lisebenzisa isiseko salo sotyalo-mali ngenkqubo yophuhliso lwemisebenzi yezandla
ISebe leMisebenzi yoLuntu kunye neZiseko zoPhuhliso eFreyistata kutshanje lithathe ulutsha olu17 lwaya kuqeqesho oluqhutywa liziko loqeqesho, iAfrica International Training Facilities e-Ekurhuleni, eKempton Park, eGauteng.