Inkqubo yezakhono yeR1,9-billion eMpuma Koloni!

Published date25 April 2024
AuthorPedro Mapelo pedro.mapelo@inl.co.za
Publication titleIsolezwe Xhosa
Utyalomali olwenziwa liSebe leZemisebenzi lifike ngexesha elibi kakhulu emva kokuba iphondo lichazwe nguStats SA njengelona elihamba emva kwicala lokudala imisebenzi eMzantsi Afrika

Abantu ekulindeleke baxhamle kweli phulo leSebe leZemisebenzi lulutsha oluqikelelwa kumawaka angamashumi amane anesibhozo (48 000).

Iinkampani eziza kwenza umsebenzi kulindeleke ziqeqeshe abantu abatsha kumacandelo ohlukeneyo - kodwa intloko yesebe ithe bakugxininisile ukuba kubekho inani eliphezulu labantu abaqeqeshwe kwezolimo kwizakhono ezikhoyo.

INkulumbuso yeMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, ilamkele ngovuyo utyalomali olwenziwe lisebe likaMphathiswa uNxesi.

“Senza iinzame ezijolise ekuthobeni izinga lentswelongqesho kwiphondo lethu. Eli phondo linabantu abaninzi abangasebenziyo. Sizamile ukulithoba iqondo kwiikota zonyaka ogqithileyo singuRhulumente.

“Ngoba indawo yethu ayiphuhlanga ngokwezoqoqosho, ukunqaba kwezakhono kwenziwa yilo...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT