AbeCWP kuMasipala waseSol Plaatje bafumene uqeqesho kwimveliso yezityalo

Published date24 April 2024
Publication titleIsolezwe Xhosa
UMnumzana uModuka uchaze ukuba bonke abathathi-nxaxheba bathathwe kwiiwadi zomasipala ezohlukeneyo

“Njengenxalenye yolu qeqesho, igadi yokutya iye yasekwa ngabathathi-nxaxheba kwisikolo samabanga aphantsi iLetshego. Inqununu yesikolo kunye noCOGTA bathathe inxaxheba kakhulu kule projekthi yoqeqesho kwaye bancedise ekudibaneni neSebe lezoLimo loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lweMihlaba ukuze bafumane izithole ezongezelelweyo.

“Isikolo sikwazibophelele ekuncediseni ekugcinweni kwegadi yokutya,” utshilo uModuka.

Uthe esi satifikethi sisiqinisekiso senqanaba labaqalayo esiqinisekisa ubuchule obufunekayo kubasebenzi bezolimo abanokusebenza kuluhlu lweenkalo zezolimo.

“Emva kolu qeqesho, abathathi-nxaxheba baza kukwazi ukusebenza kwicandelo lezolimo kwaye baya kuba nezakhono ezongeziweyo zokulima nokulawula iigadi zabo zokutya, ngokwenza njalo babe negalelo kukhuseleko lokutya oluyimfuneko kwiindawo ezihlelelekileyo nokuxhasa iinjongo zeNkqubo yoMsebenzi woLuntu,” utshilo uModuka.

Ugxininise ukuba esi siqinisekiso sikwaxhobisa abantu abasebenza kwezolimo ukuze bakwazi ukusebenzisa ulwazi oluyimfuneko, izakhono kunye neendlela zokusebenza ngokuchubekileyo.

“Olu qeqesho lukwanceda umntu ukuba ayixabise imigaqo esisiseko...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT