Kuvulwe isikolo esixabisa iR106-million KwaMaxhama

Published date25 April 2024
AuthorCwayita Nondula cwayita.nondula@acm.co.za
Publication titleIsolezwe Xhosa
INkulumbuso uMabuyane usichaze esi sikolo njengomzekelo omhle wophuhliso loluntu

“Ukwakhiwa kwesi sikolo kwanika abakhi ithuba lokubonisa izakhono zabo. ITyali ngumzekelo omhle wesikolo esenza izinto ngendlela eyiyo. Abantu abafundileyo banokufumana imisebenzi elungileyo kwaye baqinisekise ikamva eliqaqambileyo,” utshilo uMabuyane.

Kwingxelo, iCoega ithe isikolo siyinxalenye yokuzinikela kwayo ekuqhubeleni phambili iziseko zemfundo kwingingqi kaMasipala weSithili saseAmathole nakwezinye iindawo.

UMphathiswa wezeMfundo, uGade, ubethelele indima ebalulekileyo edlalwa ngamaziko emfundo ekubumbeni ikamva loluntu.

INqununu yesikolo samabanga aphakamileyo iTyali, uMnu. Phakamile Sondawo, uvakalise ukuzingca kwakhe ngombono wesikolo wokubonelela abafundi ngamathuba okuvelisa, ukuba noxanduva, nokukwazi ukuthatha inxaxheba ngenkqubo yemfundo esisiseko ebanzi, esemgangathweni.

Isikolo samabanga aphakamileyo iTyali siquka uluhlu olubanzi lwezibonelelo, ezibandakanya ibhloko yezolawulo lwesikolo, iziko lokutyela nesondlo, iilebhu zesayensi neekhompyutha, kunye neentlobo ngeentlobo zamagumbi okufundela.

Ezinye izinto ezongeziweyo kwesi sikolo zibandakanya amagumbi okufundela asetyenziselwa izinto ezininzi, iibhloko ezintsha...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT