Umhlaba wathathwa kwiikumkani, iinkosi nabantu bazo

Published date03 February 2022
Publication titleIsolezwe Xhosa
Ayikho njalo loo nto kweli leMpuma Koloni iphondo, masingabotshwa ngebhanti elinye ngenxa yezinto ezenzeka kubukhosi bamanye amaphondo

Umhlaba wona wathathwa kwiikumkani neenkosi zazo ezaziwulwele kwizizwe ezazimi kweli, zidala ubumbano nobunye kubantu bonke ababemi kweli phondo lasekoloni zingakhethanga siduko okanye uhlanga. Kungoko kwaphela kulawula ikumkani enye neenkosi zayo.

Ezo iikumkani neenkosi zazingaqeshwanga zingabhatalwa, zaziwenza umsebenzi wazo zizinikezele kuluntu lwazo zingajonganga nzuzo kulo.

Urhulumente wamakoloniyali wafika wachithachitha umnombo nemigaqosiseko yobukhosi eyayimiswe zezo kumkani, wamisa eyabo imigaqo emitsha, babhala nomnombo omtsha bewenza ingxubevange ngokufakelela ezi Nkosi zabo phakathi kweziya zokuqala bezilawula.

Ezo kumkani neenkosi ebeziselulawulweni zachithwa zikhukuliswa, zasuswa elulawulweni lwabantu nomhlaba wazo ngulo rhulumente wabelungu, waqesha abantu awabenza iinkosi.

Bamisa nalo mthetho wabo umtsha oza kulandelwa ngaba bantu babaqeshileyo babenza iiNkosi. Urhulumente wethu wedemokrasi ufikele kwezo nkosi zamakoloniyali wasebenza ngolwazi alufumene kuzo, neNtlapho Commission yasebenzela phantsi kwale migaqo mitsha yamiswa ngurhulumente wobandlululo.

Ilungelo lamasalela ezindlu zezaa kumkani neenkosi zachatshazelwa lurhwaphilizo lobukumkani nobukhosi ngabelungu luvaleleke ngaphandle lufuna indlebe enokumamela imfuno namalungelo azo.

Ubungqina baloo nto zininzi iinkosi ekuthiwa azinakubaziinkosi kuba zingenamihlaba, umbuzo ngowokuba ziza kuwuthatha phi kuba koxuthwa umhlaba kwiKumkani zazo wanikwa abo babesebenzisana namaKoloniyali, nabo banika ezabo iinkosi ezinye zazo zezi ziselulawulweni namhlanje.

Ezo nkosi kuthiwa ayizonkosi kuba zingenamihlaba zisahleli zilinde kubuye umhlaba wazo zikwazi ukuba zibe zezaa nkosi bezizelwe zizizo kakade. Umhlaba, abantu iikumkani neenkosi ufana nomphefumlo negazi enyameni awusoze ukwazi ukuzohlukanisa. Ngeli xesha lengxoxo zobuyiso lomhlaba noguqulo lukaSection 25 kubalulekile ukuba urhulumente aqhakamshelane nazo nezi izindlu zobukumkani zathi zachaphazeleka ekoxuthelweni umhlaba nolawulo lwabantu baza zokwazi ukuva ezazo izimvo khona kuzokulungiseka, kuvaleke onke amanxeba anzulu adalwa zezo zehlo zenzeka kubazali nookhokho bazo.

Imbali yomhlaba nobukhosi yaqala kudala yona, andizukuya nzulu kuyo. Ngo1800 kwakugqityezelwa zonke izicwangciso zokoxutha umhlaba. Baqala ngokuthena betshabalalisa amandla eekumkani neenkosi ezazilawula ngelo xesha, boxutha yonke imihlaba...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT