Ukuphila neHIV kwamnceda!
Author | SIM FREDDIE simphiwe.freddie@inl.co.za |
Published date | 08 July 2021 |
Publication title | Isolezwe Xhosa |
ULindani, okwayintatheli kwakunye nosomashishini, yinzalelwane yaKwaNobuhle eTinarha (eyiKariega ngoku). Kule ncwadi, phakathi kwezinye izinto, ubhala ngebali lakhe lokuswelekelwa ngumama, ukuxhatshazwa, ukukhulelwa eselula nokosuleleka yintsholongwane yeHIV.
“Ixesha elininzi bendigula ngethuba ndibhala le ncwadi. Bendinentloko esisimanga, bendifuna ukuyeka [ukuyibhala] kodwa ndaqhubekeka. Bekufuneka ndenze indima yam kwaye ndithathe uxanduva lwezinto ezimbi ezindehleleyo. Bekufuneka ndijongane neempazamo zam,” kubalisa uLindani ngendlela azive ngayo ngethuba ebhala le ncwadi.
ULindani uthi bekufuneka anyaniseke esiqwini sakhe, angasoli bani ngeempazamo zakhe, kodwa avume ukuba nguye owazibeka emngciphekweni wokosuleleka yintsholongwane yeHIV.
“Inyaniso yeyokuba impilo yam luxanduva lwam. Kwakungafanelanga ukuba ndithembe omnye umntu ngayo, ndicinge ukuba ngokuthemba nokuthandaza andiyi kosuleleka. Kwakufanele ukuba ndithe gqolo ukusebenzisa ikhondom, kwaye ndizivavanye kusengethuba.
ULindani uzibhaqe ngo2006 ukuba uphila neHIV kwaye wayesoyika. “Ndandiqala ngqa ukuya kuzivavanyela iHIV. Andiyazi, ndandindindisholo kwaye ndothukile. Ndandingazazi ukuba ndizive kanjani. Ndandicinga ukuba ndiza kufa kwiinyanga ezintathu, ngoko ndaye ndaqalisa ukuzilungiselela ukufa kwam ngokwasengqondweni,” uLindani uyabalisa.
Uthi ukuzalwa komntwana wakhe kwamtshintsha kule ngcamango.
Uthi ukuphila neHIV kumncede waguqula ubomi bakhe. “Ndandingenguye lo Loyiso nina nimaziyo. Ndandingazithembanga kwaye ndikhangela uthando emadodeni ayendixhaphaza. Ukufumanisa ukuba ndiHIV kwandivusa. Kwabangela ukuba nditshintshe ubomi bam bube ngcono, nto eyazala lo Loyiso nimaziyo ngoku.
“Ukuzalwa komntwana wam kwandinyanzela ndiphile. Ndandifuna ukuba khona ecaleni kwakhe, yeyona nto yandigcina ndiphila leyo.” Ibhala le ncwadi nje le nzwakazi, ithi izixolele ngako konke kwaye ngoku yazi ngcono kunakuqala.
ULindani uthi ngethuba ebhala bemana ethabatha ikhefu, atye iipilisi zeentlungu ngenxa yentloko esisimanga. Uthi ngalo lonke elo xesha ebezifihla ekhaya kuba engafuni kukhathaza abantu abadala.
“Kwezo ntsuku bendiye ndiphumle okanye ndikhe ndizibethise ngomoya, kulapho ibali beliye libuye kwakhona lithi ‘ndibhale’ - ngoko bendiye ndenze njengokuba...
To continue reading
Request your trial