Ufunde kumaRasta ngentsangu!

AuthorSiyabulela Mqikela Siyabulela.mqikela@inl.co.za
Published date25 February 2021
Uthi konke oku kuqale ngokuba athande ukutya, ekwathanda ukusebenza kwigumbi lokupheka ekhayeni lakhe.

“Umakhulu wam ebengumntu othanda ukupheka kakhulu, ndisoloko ndisecaleni kwakhe, ndiqwalasele iindlela enza ngazo xa epheka ukutya,” kutsho uMkhwanazi.

IEyeZulu High Kitchen ivelisa iimveliso eziquka iziqholo zokutya ezinjenge oyile yokupheka, ioyile yokongeza incasa ekutyeni nezinye.

“Ekhaya bekunkonkxwa ukutya emva kokuba kuvunwe egadini, kugcinwe ixesha elide kumakhulu wam, kodwa umdla wawusoloko usekuphekeni,” utsho uMkhwanazi.

Ukhuliswa ngunina obengenamyeni, yena eyintombi endala. Kwamnika ithuba lokufunda nzulu ngokupheka ngendlela ezahlukeneyo.

“Emva kokuqukumbela imfundo ephakamileyo, ndiye ndadibana nabantu abangamaRasta ndaphila impilo enye kunye nabo, ndafunda lukhulu kubo ngentsangu,” kucacisa uMkhwanazi.

Uthi ufunde intlobo entsha yokutya, ukusetyenziswa kwentsangu nezinye eziyinxalenye yesizwe samaRasta.

“Bendisoloko ndiphambili kwiinkqubo zokupheka nokulungiswa kokutya kwamaRasta xa sinendibano yenkonzo yamaRasta,” utsho.

Sele kuyiminyaka engamashumi amabini uMkhwanazi ephila ngokutya kwamaRasta, iintsangu nezinye iimveliso ezihambelana nentsangu.

“Iimveliso zam zonke zentsangu ndizenzela ekhayeni lam, ndizikhulisela intsangu yam ngokwam, ndize ndenze ke le mixube yezi ncindi, andinakuyichaza ke ncakasana imixube yam kuba yimfihlelo yeEyeZulu High Kitchen,” kutsho uMkhwanazi.

Isonka sentsangu yenye yeemveliso eziphambili eziveliswa nguMkhwanazi kumsebenzi wakhe wokuzikhulisa kwimveliso yentsangu.

Ethetha ngemveliso yentsangu nokukhuliswa kwayo kweli, uMphathiswa weSebe lezoLimo noPhuhliso lwaMaphandle uNomakhosaza Meth.

“Sijonge ukuyikhulisa kakhulu imveliso yentsangu eMpuma Koloni, singahle siyifakele ibe sisifundo esisemthethweni kwezinye zeeKholeji zeli phondo ingakumbi emaMpondweni,” watsho uMeth.

USibongile Mkhwanazi uthi ukusebenzisa amakhasi onxibelelwano ukuthengisa iimveliso zakhe kuzele amaduna namathokazi, kwaye zikho iimpawu zokukhula kwishishini lakhe. “Ndibuzwa rhoqo ngabantu ukuba ndakuyivula nini indawo yokuthengisela iimveliso zam, bendithumelela imiyalezo ngokusebenzisa amakhasi onxibelelwano,” utsho uMkhwanazi.

Intsangu ineendidi ngeendidi ezibizwa ngamagama ahlukeneyo ngokweelwimi zasemzini, kodwa ngeelwimi zesintu linye kuphela igama layo.

“Ndijonge ukubiza abantu beze eEyeZulu High Kitchen nokuba kukanye ngenyanga ukuze bangcamle, bathenge iimveliso zethu, ngolo hlobo lakukhula ishishini lam,” utsho uMkhwanazi.

...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT