Udliwanondlebe noMandlakayise Mfanta

Published date06 July 2023
AuthorLIHLE SOKAPASE
Publication titleIsolezwe Xhosa
Ufunde amabanga aphantsi eMbinzana J. S. S. nekwasisikolo esikwalapho elalini, iMbinzana

Uye wagqithela esinaleni kwalapho elalini kwisikolo esasidume kakhulu iMfanta S. S. S. Ufunde apho waya kugqiba ibanga leshumi ngomnyaka we1998.

Ukubhala yinto akhule isegazini kuye, noxa nje bekungekho lula ukuba apapashe.

I’solezwe lesiXhosa likhe lahlala phantsi nalo mbhali lamfaka embokweni ngelifuna ukwazi banzi malunga nohambo lwakhe njengombhali, izinto ezimchukumisayo ukuze abhale, kwakunye neminqweno yakhe njengombhali. Imibuzo neempundulo zombhali iyalandela apha ngezantsi:

Ingaba ungasixelela ngohambo lwakho njengombhali nokuba yintoni ekuqhubele ekubeni ulandele eli ikhondo lokubhala?

Le nto ikukubhala iqale ukubonakala kwasekukhuleni kwam kumabanga aphantsi kuba ndaqala ngokuba nesimbo sokubhala imibongo ngabanye abafundi.

Yakhula ke loo nto yokuthanda ukubhala ngabanye abafundi ngakumbi ukufika kwam esinaleni kwaye yaqapheleka yathandwa ngabafundi. Babede abanye abafundi bandicele ngemali ukuba ndibhale imibongo ngabo. Ndandingaphelelwa mazwi ke ndibatyibela ndibakhuphe kanye ngendlela abayiyo.

Ngaphandle kwaloo mibongo ndandiyibhala ngabafundi ndandikwanayo endandimana ukuzibhalela yona ndiyiqokelela ndinephupha lokuba ngenye imini ndiya kuze ndipapashe incwadi yam yemibongo.

Kodwa ke kuba ndingumntu okhulele emaphandleni nangenxa yokuba ngaloo maxesha ulwazi ngopapasho lweencwadi lwalunqabe lufana namanz’ entlango, azange liye ndawo iphupha lam.

Ndithe ndakufika edyunivesithi sakhula isakhono sam ekubhaleni noxa ndandingade ndipapashe ncwadi nje. Konke endandikubhala ndandiye ndikubhale ndikugcine kum ndimana ukuzifundela.

Kwakhula ngakumbi ukuzithemba ukuhlangana kwam nabanye ababhali nasemva kokuba ndandimana ukwabelana nabahlobo bam kuFacebook ngendithe ndakubhala ndive izimvo zabo ngako.

Kulapho ke saye sathabatha isigqibo, mna noogxa bam ababini sokuba sihlangene sipapashe incwadi eyingqokelela yemibongo esihloko sayo sithi, ‘ISITHEBE’.

Loo ncwadi ithe yakuba yimpumelelo ndanesibindi nokuzithemba ndapapasha inoveli esihloko sithi, ‘NDIDADE NDAWELA’, nayo ibe yimpumelelo. Nangoku asemaninzi kakhulu amabali endiwabhalayo nendinethemba lokuba aza kupapashwa.

Njengoko sele utshilo ukuba ubhale incwadi yemibongo kunye nenoveli, ingaba kwahluke kanjani kuwe ukubhala ezi ndidi zimbini zoncwadi?

Ekukhuleni kwam ndibhale kakhulu imibongo nendiyifumana inika umdla kakhulu kuba ifuna ubuchule bokuwubeka umxholo obanzi ngamagama nje ambalwa.

Loo nto ke ithi...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT