Soyele emgxobhozweni sisisizwe esiNtsundu

Published date05 October 2023
AuthorThiyane Duda
Publication titleIsolezwe Xhosa
Ngenjikalanga yomhla we-15 kweyoMsintsi, ndibenethamsanqa lokuzimasa ukuvulwa komdlalo weqonga, uHamba Nam, Ndipheleke, eBaxter Theatre, eKapa

Umdlalo usekelwe kwincwadi ebhalwe nguNompumezo Buzani, wabhexeshwa nguBulelani Mabutyana, walungiselelwa iqonga nguAnele Kose kwakunye noBulelani Mabutyana.

Ndiphantse ukuwushiya phakathi lo mdlalo, hayi ngokuba umdlalo undenzela isizungu okanye isithukuthezi. Uphekiwe wona kakuhle, yaye nabadlali bayakuphakela ntanga.

Ugadlele ngezithonga ezinamandla kusaqalwa, wathi xhoko kabuhlungu entliziyweni, wandishiya nentaba yomsebenzi wasekhaya, ihomework ngamakhumsha.

Lo mdlalo weqonga ubeke isipili phambi kwesizwe esiNtsundu ukuba sizibone ukuba sayele emgxobhozweni, yaye akukho kundungundelisa okanye ukujonga ecaleni.

Singababukeli sifane sasithela ngentsini. Wena wakhe wababona abantwana bedlala kamnandi behleka, ngeloxesha bagxumpuza emgxobhozweni wamanzi edreyini.

Uhamba Nam, Ndipheleke, ngumdlalo ongoodade ababini, uThandiwe (Lindokuhle Melaphi) noMhizana (Mihlali Bele), abafudukela ezidolophini besiyakuzama ubomi.

UMhizana usinga eBhayi ukuya kufundela ukuba ngumongikazi, akuba etshelwe zizichithi kwaninakazi, uNoklentyi (Kuhle Myathaza), logama uThandiwe esingise kumyeni wakhe uMelumzi (Azola Mkabile) otshiphe eKapa, emveni kokuhlelwa yintlungu yokubeleka usana ulungasaphiliyo. Ezintwazana zaswelekelwa ngunina. Uyise naye waginywa liKapa unina wabo esakhulelwe nguThandiwe.

Umdlalo uvula ngesingqala somtshakazi namazwi kaninazala obalisa ngobunzima bokubeleka komolokazana wakhe, kwakunye nentlungu yokungaphili kolosana.

Ngamazwi ambalwa umazala uyaneka elubala yonke inkqubo yokubeleka komolokazana wakhe, wanditsho ndantloni mna mntu wasebuhlanti. Ezilalini sikhule sisazi ukuba ukubelekwa komntwana ngumhlaba wabasetyhini, yaye iyinkqubo yasekhusini.

Kangangokuba ndiseyinkwenkwana elula, nathi sasingavunyelwa ukungena efukwini, de abe unina nosana bayaphuma emveni kweentsuku ezisibhozo.

Ndizibuzile ukuba kungani na umdlalo uzakuyibeka elubala ngoluhlobo le nkqubo? Ndikhumbule amazwi omhlobo wam, uMthunzikazi Mbungwana, xa esithi, “Ababhali abafane bafake nje izehlo kwimibhalo yabo ngokuba befuna ukugcwalisa amaphepha, yonke into inomsebenzi wayo.”

Obubukrakra umdlalo uvula ngabo busixelela ukuba imeko izakubambi, ibemanyumnyezi. Umbhali usikrobisela kubomi bomntu oNtsundu, uthi kulo mhlaba kubi kujavujavu kangangokuba nemiphefulo emitsha iyala ukuzalelwa apha.

Endiphume nako kulomdlalo, kukuba ubomi bomntu oNtsundu...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT