Inkxalabo ngezinga lokufunda ngengqiqo kubantwana bakaGreyidi 4 eMzantsi Afrika

Published date01 June 2023
AuthorVuyokazi nomlomo vukile.sonandzi@acm.co.za
Publication titleIsolezwe Xhosa
Olu vavanyo lwenziwa rhoqo emva kweminyaka emihlanu, kwaye luquka amazwe ahlukeneyo ehlabathi, nahlukileyo ngokuhluma nokufuma

Oku kuthetha ukuba olu vavanyo luka-2021 lulandela olo luka-2016, nalapho uMzantsi Afrika uthabathe inxaxheba namanye amazwe angama-57.

Iziphumo zePIRLS yomnyaka ka-2021 zipapashwe ngomhla wama-16 kuMeyi 2023 apha eMzantsi Afrika. Zibhentsisa ukuba uninzi lwabafundi (81%) bebanga lesine, uGreyidi 4 ngokwale mihla, abakwazi ukufunda ngengqiqo nakoluphi na ulwimi, kuquka iilwimi zabo zeenkobe nabafundiswa ngazo, ukusuka kwibanga labaqalayo, uGreyidi 1 ukuya kuGreyidi 3. Ngamanye amazwi, kubantwana abalishumi, babini kuphela abafundi abakwaziyo ukubonisa ingqiqo okanye ukuqonda kuloo nto bayifundileyo. Kwakhona, ezi ziphumo zibonisa ukuba uMzantsi Afrika usemsileni kuluhlu lwamazwe onke athabathe inxaxheba kolu vavanyo lokufunda luka-2021.

Le meko iyadanisa, ikwaxhalabisa kananjalo, kuba kaloku iziPhumo zangaphambili zomnyaka ka-2016 nazo bezingancumisi kwaphela kuba ibingama-78% kuphela abafundi bakaGreyidi 4 abangakwaziyo ukufunda ngokukuko. Oku kubonisa ukuba iingxaki zokufunda kwabantwana baseMzantsi Afrika ziya zisanda endaweni yokuba zicutheke.

Ukusilela ekufundeni ngengqiqo kubonakala kuzo zonke iiLwimi ezilishumi elinanye nezisemthethweni eMzantsi Afrika ezizezi: (Afrikaans, English, isiZulu, isiXhosa, isiNdebele, Sesotho, Sepedi, siSwati, SeTswana, TshiVenda, XiTsonga), nezisetyenziswa ekufundeni nasekufundiseni kwiMfundo esiSiseko (uGreyidi 1 – 3). Nangona kunjalo, abantwana abafundiswa ngeelwimi zabo isiNgesi (English) nesiBhulu (Afrikaans) benze ngcono kuvavanyo luka-2021 kunoontanga babo abalubhale uvavanyo ngeeLwimi zesiNtu (African languages) zeli loMzantsi Afrika. Kwakhona, abafundi abalwimi lusisiNgesi nesiBhulu baqhube ngcono kuvavanyo luka-2021 kunolo luka-2016, lo gama oogxa babo abathetha iiLwimi zesiNtu benze kakubi nangakumbi kuvavanyo luka-2021. Kuthetha ukuthini oku?

Ukungalingani ngokobuhlanga kuneengcambu kweli loMzantsi Afrika kwaye kubonakala kwintlupheko yabantu abamnyama. Oku kuthetha ukuba isimo samakhaya abafundi esambethwe bubuhlwempu, indlala, ukungabikho kwenkxaso yabazali ekufundeni nokungakhuthazwa kokufunda emakhaya kunegalelo elibi kwimfundo yabantwana ngokubanzi, ngakumbi kwabo basateketayo ekufundeni nasekubhaleni. Ezinye iimeko ziquka ukunqongophala kwezixhobo zokufunda kwiilwimi zesiNtu nezinika umdla wokuzifundela. Inani elikhulu labafundi kumagumbi okufundela, uqeqesho lweetitshala...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT