Ibanjiwe indoda etyholwa ngokudlwengula umntwana womhlobo wayo okhubazekileyo

Published date18 April 2024
AuthorCwayita Nondula cwayita.nondula@acm.co.za
Publication titleIsolezwe Xhosa
Umtyholwa, negama lakhe lifihliweyo ukukhusela ixhoba elincinci, ugcinwe eluvalelweni de avele kwakhona enkundleni ngoLwesine

Umrhanelwa uqale ukuvela enkundleni kwiveki ephelileyo emva kokubanjwa kwakhe ngomhla wesixhenxe (7) kuTshazimpuzi emva kwesi sehlo ePhokeng.

Isithethi samapolisa aseMntla Ntshona uColonel Adéle Myburgh uthi icandelo lobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana kunye namatyala ngokwesondo (FCS) eRustenburg liphanda eli tyala.

“Kutyholwa ukuba umama, utata, lo mntwana kunye nomhlobo wosapho baye baqhuba ukuya kwintlanganiso eFreedom Park.

“Emva kwentlanganiso abazali bashiye umntwana wabo okhubazekileyo emotweni nomhlobo wabo baya kwindawo ekufutshane nevenkile ethengisa ukutya beyothengela umntwana ukutya,” utshilo...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT