Bathweswe izidanga abongikazi bokuqala bezilwanyana eMzantsi Afrika

Published date15 June 2022
Publication titleIsolezwe Xhosa
Oku kusemva kokuba abengomnye wabongikazi bokuqala abathweswe izidanga zokuba ngabongikazi ezilwanyana

Kutsha nje uMthimkhulu wethweswe isidanga se-Bachelor of Veterinary Nursing kwiDyunivesithi yasePitoli (i-UP), nekuphela kweyona ndawo yoqeqesho lwezilwanyana eMzantsi Afrika.

“A n d i k a y i k h o l e l w a nangoku into yokuba bendiyinxalenye yabafundi bokuqala ukuthwaliswa isidanga, emva kweminyaka eminizi ziqulunqwa ezi zifundo, ndiziva ndifumene elona wonga elikhulu.

“Ndiyawabulela amathuba kunye neengcango eziza kusivulekela thina bongikazi ukuze sikwazi ukuqhubekela phambili nezifundo zethu kwaye sibe ziingcaphephe emsebenzini wethu, nto leyo kwakunzima ukuyenza kwixesha langaphambili,” utshilo.

U-Tamarin Fisher, nonguMongameli woMbutho waBongikazi Bezilwanyana eMzantsi Afrika, uthi eli lelona ngxatho likhulu kwimbali yeminyaka engama-42 yalo msebenzi.

“Le mfundo entsha enesidanga seminyaka emithathu iza kunika abongikazi abaqeqeshiweyo ithuba lokubhalisela izifundo ezinomsila, ngethemba lokuba sizakude sifikelele kwinqanaba lokubathwalisa izidanga zewonga le-honours, i-masters kwakunye ne-PhD.”

Oogqirha bezilwanyana banyanga izilwanyana zonzakaleyo kunye nezifo, ngendlela efanayo naleyo ugqirha abonelela ngayo ngonyango lwezempilo kubantu. Abongikazi bezilwanyana babalulekile njenge nxalenye esebenzisana noogqirha abaqeqeshelwe izilwanyana, utshilo uMthimkhulu.

“Ezinye zezakhono ezibalulekileyo ekufuneka umongikazi azibonakalise ukukhathalela izigulane, ukunxibelelana nabanini bezilwanyana, ukuncedisa oogqirha bezilwanyana ngeenkqubo, nayo nayiphi na into eya kunceda isibhedlele sonyango lwezilwanyana ukuba sisebenze ngendlela eyonelisayo.

“Ngeminye yemisebenzi enomvuzo. Ukuba ufuna ukuba ngumongikazi wezilwanyana, ungavumeli uloyiko okanye ukuswela ulwazi kukuthintele ekuzameni nokonwabela lo msebenzi, kuba lo msebenzi ungakwazi kutshintsha ubomi bakho bubengcono,”utsho uMthimkhulu.

Inkxaso- mali yokufunda yokujongana nokunqongophala kwezakhono

Ngenxa yokunqongophala okukhulu kwezakhono kwelicandelo, uMthimkhulu akazange asokole ukufumanaumsebenzi.

“Kunyaka wam wokugqibela ndibe nethamsanqa elikhulu lokufumana umsebenzi kwisibhedlele sezilwanyana i-Fourways Veterinary Hospital .

Ndiqale ukusebenza apho kwisithuba esimalunga nenyanga emva kweemviwo zam zokuphela konyaka, kwaye bendiwonwabela umzuzu-nomzuzu endiwuchitha emsebenzini,”utshilo.

UGunyaziwe weCandelo lezeMfundo noQeqesho kwiC a n d e l o l e z e M p i l o neNtlalontle (i-HWSETA)...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT