Abasasazi beendaba baseMpuma Koloni baqaqamba kumabonakude

Published date28 September 2023
AuthorCwayita Nondula cwayita.nondula@acm.co.za
Publication titleIsolezwe Xhosa
USikumba ugcina uluntu oluthetha ngezandla lusazi ngezinto ezenzeka kwihlabathi logama uMakapela esazisa uluntu ngemozulu

USikumba yitoliki yezandla aze uMakapela abengumqikeleli wemozulu kwinkqubo yeNewzroom Afrika yeendaba zemihla ngemihla, Iindaba Zethu. Basabelana nathi ngamava abo nokuba ithetha ukuthini inyanga yamagugu namafa kubo.

PUMZA SIKUMBA

Le toliki yolwimi lwezandla iphuma kwilokishi yaseMdantsane eMonti, eMpuma Koloni. USikumba uthi wafunda ukuthetha ulwimi lwezandla ukuze athethe nodade wabo othetha ngezandla. Le nzalelwane yaseMdantsane iyazifela ngolwimi lwezandla kwaye icela urhulumente ukuba abonelele ngezixhobo zokuphuhlisa ulwimi lwezandla. Nalu udliwano ndlebe noSikumba.

Yinyanga yamagugu namafa, le nyanga ithetha ntoni kuwe?

Inyanga yamagugu ibalulekile kuba indenza ndiphinde ndiphonononge iingcambu zam, ndijonge ngenyameko kubume benkcubeko yam exutyiweyo. Indivumela ukuba ndiyamkele ngokupheleleyo inkcubeko yamaXhosa njengenkcubeko yam yokuqala kunye nenkcubeko yabathetha ngezandla njengenkcubeko yam yesibini. Ikwayinto ekhethekileyo ukuba ingqamane nenyanga yokwazisa abantu abangevayo ngeendlebe okanye abantu abathetha ngezandla.

Ukhulelephi? Kwaye leliphi igama ELINYE elichaza idolophu yakho?

Ndikhulele eMdantsane, ilokishi yesibini ngobukhulu eMzantsi Afrika. Igama elichaza ilokishi yam ithi “manqindi”. Zininzi iimbethi manqindi ezaziwayo, ngowona mdlalo uphambili eMdantsane. Ndicinga ukuba uMdantsane ukwabhaqe igqiyazana elibizwa ngokuba nguPumza Sikumba odlala indima yakhe encinci ekwenzeni izinto zenzeke kuluntu oluthetha ngezandla ngokutolika.

Uyitoliki yolwimi lwezandla, yintoni ekwenze ukuba ukhethe ngakumbi ukutolika ngesiXhosa?

IsiXhosa lulwimi lwam lweenkobe ngoko ke ukuba ngumntu othetha isiXhosa kakade yenza kwalula kum ukuba ndibe yitoliki yeendaba zesiXhosa eNewzroom Afrika. Ndiyakwazi ukuthetha ngezandla ngeelwimi ezininzi nto leyo endenza ndibe ngumtoliki okwaziyo ukuthetha ngezandla ngeelwimi ezahlukeneyo.

Omnye udadewethu omdala ngumntu othetha ngezandla yaye ndafunda ukuthetha ngezandla ukuze ndithethe naye.

Ndandidla ngokumazisa abantu bathini ngoku thetha naye ngezandla, nditolike nento ayitshoyo kubantu abangathethi ngezandla. Ixesha lonke ndingazi ukuba ngokwenene ndanditolika.

Ndiphuhlise isakhono sam sokutolika nditolikela udadewethu kwaye emva kokugqiba izifundo zam ndaye ndangena kwimigubasi yeKholeji yaseStandford eMonti apho ndanditolikela abafunda abathetha ngezandla. Ukubona aba bafundi bathetha...

To continue reading

Request your trial

VLEX uses login cookies to provide you with a better browsing experience. If you click on 'Accept' or continue browsing this site we consider that you accept our cookie policy. ACCEPT